08/06/2026
ISAZISO ESIBALULEKILEYO!!!
Kubathengi bethu abaxabisekileyo, abanini beepolisi, nakwabo banqwenela ukujoyina iinkonzo zethu.
i-All Nations Funerals ithanda ukwazisa ukuba ukusukela ngomhla woku-1 kuJulayi 2026, imali yentlawulo yenyanga (premium) iya kunyuswa.
Emva kokucingisisa nokuhlalutya ngokunzulu, kugqityiwe ukuba kunyuswe iintlawulo zenyanga.
Nangona kunjalo, kunye nokunyuka kweentlawulo, kuya kubakho neenzuzo ezongezelelweyo kubanini beepolisi.
Songeze ezinye iinzuzo ezintsha ezingekho kwezo nanizibhalisele ekuqaleni.
Ezi nzuzo zichazwe ngokupheleleyo kwincwadana entsha (brochure) esiyilungisileyo.
Ningacela ukufumana le ncwadana intsha ngokuthumela umyalezo kwi-WhatsApp yethu, yaye siya kuyithumela kuni.
i-All Nations Funerals icela uxolo ukuba esi saziso sifike kuni ngexesha elifutshane.
Siyakuqinisekisa ukuba olu tshintsho luza kuninceda kakhulu, kwaye ngeenzuzo ezongeziweyo, abo nibathandayo baya kufumana umngcwabo onesidima ngakumbi.
Siyabulela kakhulu ngenkxaso yenu engapheliyo.
Siyazibophelela ekuqhubekeni sinikhonza ngentlonipho ephezulu nangobungcali obufanayo enisoloko nilufumana kuthi.
Enkosi